Isaiah 49:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uti kanjalo: Yinto encinane ukuba ube sisicaka sam, ukumisa izizwe zika‐Yakobi, nokubuyisa abalondoloziweyo baka‐Sirayeli; ndikunikile nokuba ube sisikanyiso kubaheyideni, ukuze ube lusindiso lwam kude kube sekupeleni kwomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uthi ke, Kuyinto elula ukuba ube ngumkhonzi kum wokumisa izizwe zakwaYakobi, ubuyise abalondolozwa bakaSirayeli;kananjalo ndiya kukwenza isikhanyiso seentlanga, ukuba ube lusindiso lwam, ude uze eziphelweni zehlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Kuyinto encinane ukuba ube ngumkhonzi kum wokuvusa izizwe zakwaYakobi, ubuyise abagcini bakwaSirayeli; Ndiya kukukhanyisela iintlanga, ukuze ube lusindiso kum isiphelo sehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uthethe wenjenje: “Njengesicaka sam akwanele okokuba ubuyisele ubuhandiba kwaYakobi, uphuthume amasalela kaSirayeli endiwalondolozileyo, koko ndikumisela ukuba ube lukhanyiso lweentlanga, ube lusindiso lwam olubandakanya ihlabathi jikelele.”