Isaiah 5:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba nzima kubo abati ngokukohlakeleyo kulungile, nangokulungileyo kukohlakele; ababeka ubumnyama endaweni yokukanya, nokukanya endaweni yobumnyama; ababeka ubuṙaṙa endaweni yobumnandi, nobumnandi endaweni yobuṙaṙa!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama;abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; into eyenza ubumnyama bube kukukhanya, ukukhanya kube bubumnyama; obeka ubukrakra endaweni yobumnandi nencasa endaweni yobukrakra!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kulusizi kwabathi ububi kokuhle, nakwabo bathi okuhle bububi; nditsho abathi ubumnyama kukukhanya, bajike bathi ukukhanya bubumnyama. Bona ekrakrayo bathi imnandi, ukanti emnandi bathi iyakrakra.