Isaiah 5:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, njengokuba ilangatye lomlilo lisidla indiza, nesikota esitshayo sisiwa pantsi; kwa njalo ingcambo yabo yoba njengembozo, nentyatyambo yabo yonyuka njengotuli: ngokuba belahlile umteto kayehova wemikosi, nelizwi loyingcwele ka‐Sirayeli belidelile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, njengokuba umlilo uzitshisa iindiza, nelangatye liwudla umququ, ingcambu yabo iya kuba njengokubola, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; ngokuba bewucekisile umyalelo kaYehova wemikhosi, balicekisile ilizwi labo yeenkundla. Oyingcwele kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke niya kufana nomququ, wona ulencwayo lidangatye; nani niya kuba njengengca, yona ishwatyaniswayo ngumlilo. Niya kusuka nibole iingcambu; intyatyambo yenu iya kuvuthuluka. Kaloku niyimangele ingqeqesho kaNdikhoyo onamandla onke, nalitshica ilizwi likaYedwa kaSirayeli.