Isaiah 5:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenxa yoku iyavuta ingqumbo kayehova ngakubo abantu bake, nesandla sake usolulele pezu kwabo, wababeta; zada zangcangcazela intaba, nezidumbu zabo zaba njengenkunkuma pakati kwezitarate. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko uyavutha umsindo kaYehova kubantu bakhe;usolule phezu kwabo isandla sakhe, uyababetha; zagungqa iintaba, izidumbu zabo zanjengenkunkuma phakathi kwezitrato.Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, isandla sakhe sisolukile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavutha ke umsindo kaYehova kubantu bakhe, usolula phezu kwabo isandla sakhe, waboyisa; Ngenxa yoko awubuyanga umsindo wakhe, kodwa isandla sakhe sisasolulile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, uNdikhoyo uyalwa nabantu bakhe; wosuka abathi mpaka ngesandla sakhe! Ke zona iintaba zonyikima, izidumbu zibe yinkunkuma ezitalatweni. Naxa kunjalo nje usavutha ngumsindo; ewe, akajiki, uyalekuza.