Isaiah 5:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukukonya kwabo kwoba njengokwengonyamakazi; baya kukonya njengengonyama ezintsha; ewe, bovungama, babambe into yokuqwengwa; bobaleka nayo inqabile, kungeko oyihlangulayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
zibharhula njengeengonyama ezintsha, zigqume, ziyibambe inyamakazi, zimke nayo, kungabikho uhlangulayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukugquma kwabo kuya kuba njengengonyama, bagqume njengengonyama; ewe, baya kubharhula, bahluthe okuphangiweyo, balithabathe benoxolo, kungabikho ulihlangulayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ziinto ezivungama okwengonyama; ewe, umgqumo wazo ngathi yingonyama entsha. Zigragrama zilithi xhwii ixhoba lazo, zilithi xhakamfu kungabikho unokulamla.