Isaiah 5:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Babeya kugquma ngakubo ngomhla lowo njengokugquma kwolwandle; kude kuti kwakukangelwa ngasemhlabeni, nabo ubumnyama obunzima, nokukanya kwenziwe mnyama ngamafu awo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zogquma phezu kwabo ngaloo mini, ngathi kukugquma kolwandle; babheke emhlabeni, nanko kumnyama yimbandezelo, nokukhanya kumnyama emafini phezu kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zogquma phezu kwabo ngaloo mini, njengokugquma kolwandle; yaye xa ubani ekhangela ehlabathini, khangela, kukho ubumnyama nosizi, nokukhanya nobumnyama emazulwini alo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini ke zibhavumla phezu kwalo, zitsho ngomgqumo ngathi lulwandle. Wothi wakukrwaqula ke kulo mhlaba ufike uyinkxwaleko nembonde-mbonde, ukukhanya kuginywe bubumnyama bamafu.