Isaiah 5:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kusenza intshabalalo; asiyi kunqunyulelwa, asiyi kuhlakulwa kanjako; kodwa imbobo nemitolo ziya kuhluma kuso; ndandiya kuyalela amafu ukuba anganisi imvula pezu kwaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asiyi kuthenwa, asiyi kuhlakulwa; siya kumila ubobo namakhakakhaka; ndiwawisele umthetho amafu, ukuba angani mvula phezu kwaso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndolitshabalalisa ke, aliyi kugawulwa, aliyi kumbiwa; kodwa imithana enameva iya kuhluma ndiya kuwawisela umthetho amafu ukuba anganisi mvula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndosiyeka nje, side sibe lifusi; isidiliya singàthenwa, singàhlakulwa, sikhule utshungu nenkunzane. Namafu ngokwawo ndowagunyazisa ukuze angasiphatheli namvula.”