Isaiah 5:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isitiya sikayehova wemikosi siyindlu ka‐Sirayeli, namadoda akwa‐Juda esisityalwa soyolo lwake: wakangela ubugwebo, kanti nanku ukupalala kwegazi! wakangela ubulungisa, kanti nanku ukukala!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba isidiliya sikaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli;namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa. Walinda ukuba kubekho okusesikweni, nanku ikukudywida; walinda ukuba kubekho ubulungisa, nanko ikukukhalisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba isidiliya sikaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli, namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa; funa ubulungisa, nanku ikhala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isidiliya *sikaNdikhoyo onamandla onke yindlu kaSirayeli; ewe, esi sidiliya ngamaJuda, wona angumyezo oligugu lakhe. Yena walindela okusemthethweni kuwo, suka wona ee dyubhu ngobutyadidi begazi! Wayelindele ubulungisa kuwo, suka yasisijwili sokuzibika!