Isaiah 50:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ipina incwadi yokulahlwa kwonyoko wenu, endandimndulula ngayo? umhlaumbi, nguwupina kwabo ndinetyala kubo endinitengisile kuye? Bona ke, ngenxa yezikohlakalo zenu nitengisiwe, nangenxa yezigqito zenu unyoko wenu undululwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Iphi na incwadi yokwaliwa kukanyoko, endamgxotha ngayo? Khona kwabandibolekayo, uphi na lowo ndathengisa ngani kuye? Yabonani, kwathengiswa ngani ngenxa yobugwenxa benu; wagxothwa unyoko ngenxa yezikreqo zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Liphi na isiqinisekiso sikanyoko endamlahlayo? ndithengise ngani kubanamatyala kum? Yabona, uzithengisile ngenxa yobugwenxa bakho; yaye unyoko walahlwa ngenxa yezono zakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uthethe wathi: “Ùthi abantu bam ndabagxotha okomfo esahlukana nomfazi wakhe? Ziphi ke iincwadi zolo qhawukano? Ngaba ndanithengisa kubani njengomfo othengisa ngekhoboka lakhe? Hayi kaloku, nathengiswa ngenxa yezono zenu; nagxothwa wena nonyoko ngenxa yamatyala enu.