Isaiah 50:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunganina ukuba ekuzeni kwam bekungeko umntu, na sekubizeni kwam bekungeko osabelayo? Isandla sam sike safinyezeka na, ukuba singabi nakukulula? umhlaumbi, akuko kum na amandla okuhlangula? Bona ke, ngokutetisa kwam ndiyomisa ulwandle, ndiyenza imilambo ibe yintlango; intlanzi zayo ziyanuka, ngokuba kungeko amanzi, ziyabuba ngenxanwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba ndifike, kungekho mntu? ndibize, kungabikho usabelayo? Sifutshane kakhulu na isandla sam ukuba singakhululi? Akakho na kum amandla okuhlangula? Yabonani, ngokukhalima kwam ndomisa ulwandle, imilambo ndiyenze intlango;ziyabola iintlanzi zayo, ngokuba kungekho manzi, ziyafa kukunxanwa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yini na ukuba ndifike kungekho mntu? ndithe xa ndifowuna akwaphendula mntu? Ngaba ingalo yam imfutshane na, ukuba ingasindisi? okanye andinawo amandla okusindisa? Yabona, ngokukhalima kwam ndiyalugqatsa ulwandle, nemilambo ibe yintlango; ziyabola iintlanzi zabo, ngokuba kungekho manzi, ziyafa lunxano.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndakufika akubangakho bani undamkelayo; ndaba ngamemeza akwasabela mntu. Ngaba imfutshane na ingalo yam? Ngaba andinako na ukukukhulula? Mhlawumbi makube andinamandla na ukuze ndikusindise? Ndithi ndingakhalima lome qoko ulwandle, imilambo itsho ibharhe, iintlanzi zife kukunqaba kwamanzi; yeka ke elo phunga!