Isaiah 50:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Inkosi e nguyehova indinikile ulwimi lwabafundisiweyo, ukuze ndikwazi ukusiza odiniweyo ngelizwi; uyavusa ngemiso ngemiso, uyavusa indlebe yam, ukuba ndive njengabafundisiweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
INkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndikwazi ukuzimasa otyhafileyo ngelizwi. Ivusa imiso ngemiso, indivusela indlebe ukuba ndive ngokwabafundileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iNkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndikwazi ukuthetha ilizwi ngexesha elililo kodiniweyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMhlekazi *uNdikhoyo undazisile into emandiyithethe, ukuze ndikhuthaze abo batyhafileyo. Ntsasa zonke undivusa ndiphulaphule njengalowo ufundiswayo.