Isaiah 51:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova eya kuba nenceba pezu kwe‐Ziyone; woba nenceba pezu kwazo zonke indawo zayo ezicitakeleyo; waeya kwenza intlango yayo njengayo i‐Hedeni, nobala lwayo njengomyezo kayehova; umgcobo novuyo luya kufunyanwa kuyo, umbulelo nelizwi lokucula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova; kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba uYehova uya kuyithuthuzela iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo; uya kuliguqula ilizwe lakhe libe njenge-Eden, nelizwe layo libe njengomyezo kaYehova; Kuya kufunyanwa imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lendumiso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inene uNdikhoyo woyithuthuzela iZiyon, akhathazeke ngenxa yamabhodlo ayo. Elibharhileyo wolijika libe ngumyezo, nentlango ibe njengomyezo waseIdeni, khona kulawule uvuyo nemincili, ibe yintsholo yengoma yokudumisa.