Isaiah 51:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pakamisani amehlo enu ngasezulwini, nibeke nasemhlabeni ngapantsi; ngokuba izulu liya kuti shwaka njengomsi, nomhlaba uya kuguga njengengubo, nabemi bawo baya kufa njengokunjalo: kodwa usindiso lwam lwobako kude kube ngunapakade, nobulungisa bam abusayi kutshatyalaliswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phakamiselani ezulwini amehlo enu, nibheke nasemhlabeni phantsi; ngokuba izulu liya kuthi shwaka njengomsi, wonakale umhlaba njengengubo, nabemi bawo bafe ngokunjalo, lube ngonaphakade lona usindiso lwam, bungaqotywa ubulungisa bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Phakamiselani amehlo enu emazulwini uze ukhangele emhlabeni, ngenxa yokuba amazulu aya kuthi shwaka njengomsi, nomhlaba uya kuguga njengesambatho, nabo bahleli kuwo baya kufa ngolo hlobo; kodwa usindiso lwam luya kuba ngonaphakade, nobulungisa bam abuyi konakaliswa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khanijonge amazulu phezulu, nijonge umhlaba phantsi. Amazulu othi pheselele njengomsi, umhlaba uguge njengengubo, abantu bafe njengeempukane. Ke lona usindiso lwam lohlala luhleli; ubulungisa bam soze buthini.