Isaiah 51:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Vuka, vuka, yambata amandla, ngalo kayehova! vuka, njengasemihleni yamatanci, njenga sezizukulwaneni zakudala. Akukwa yiyo na eyisikileyo i‐Rahabi, eyenzela ingwenya inxeba?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Vuka, vuka, nxiba amandla, ngalo kaYehova! Vuka, njengokwemihla yamandulo, njengokwezizukulwana zaphakade!Asinguwe na lowa wachitha uRahabhi, wayihlaba ingwenya?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Vuka, vuka, nxiba amandla, ngalo kaYehova! yisuk’ ume ngokweemini zasephakadeni, kwizizukulwana zasephakadeni. Asinguwe na owabulala uRahabhi, wayibetha ingwenya?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hoyina, Ndikhoyo! Sihlangule! Xhoba ngamandla akho usihlangule; makube njengemihla yamandulo. Kaloku nguwe owahlanganisela inabulele; nguwe owamqwenga-qwengayo uRahabhi.