Isaiah 52:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mukani, mukani, pumani kwa kona; okunco̔lileyo ningakucukumisi; pumani pakati kwayo; yibani mhlope, nina enitweleyo impahla zikayehova!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mkani, mkani, phumani apho; musani ukuphatha nto iyinqambi; phumani phakathi kwayo; zenzeni nyulu, nina bathwali beempahla zikaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mkani, mkani apho, musani ukuyichukumisa into eyinqambi; evela kuye; Hlambuluka, nina bathwali beempahla zikaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke nina phumani, hambani nimke apho, ningachukumisi nento le *enomlaza. Phumani ningenabala nimsulwa, baphathi bobuncwane bendlu kaThixo.