Isaiah 52:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ningayi kupuma ngobunxamo, kanjalo aniyi kuya ngentsabo; ngokuba uyehova eya kuhamba pambi kwenu, utixo ka‐Sirayeli wonibuta ngasemva.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba aniyi kuphuma buphuthuphuthu, nihambe ngokusaba;kuba uYehova uhamba phambi kwenu, uMqoshelisi wenu nguThixo kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba musani ukumka kamsinya, musani ukuqhwesha; ngokuba uYehova uya kukukhokela; yaye uThixo kaSirayeli woba ngumvuzo wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Namhla aniyi kuphuma magxabha-gxabha. Kaloku animki ngakuba nibhaca, koko nikhokelwa nguNdikhoyo. UThixo kaSirayeli wonikhusela ngeenxa zonke.