Isaiah 52:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa njalo siya kufefa izizwe ezininzi: ngenxa yaso okumkani baya kuvingca imilomo yabo; ngokuba oko bebengakubaliselwanga bokubona; noko bebengakuvanga bokuqonda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokunjalo yena uya kubetha zithi makatha iintlanga ezininzi; ngenxa yakhe ookumkani baya kuthi khamnqa; ngokuba baya kukubona abangazanga bakubaliselwe, bakugqale abangazanga bakuve.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuzichithachitha ke iintlanga ezininzi; ookumkani baya kuthi khamnqa kuye; kuba oko bangekakuxeleli, baya kukubona; nento abangayivanga baya kuva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nangoku ke wochaphazela izizwe ezininzi, izikumkani zikhumnqe zisik' umlomo. Kaloku zobona zide ziqondisise nento ezingazange zayazi.”