Isaiah 52:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Abantu bam behlela e‐Jipete ekuqaleni, ukuya kupambukela kona; wati um‐Asiriya ekupeleni wababandezela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Abantu bam behla baya eYiputa ekuqaleni, ukuba baphambukele khona; ke ama-Asiriya abacudisa kungekho sizathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Abantu bam babehle baya eYiputa ukuze baphambukele khona; yaye iAsiriya yabacinezela ngaphandle kwesizathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo uthi: “Kuqala abantu bam bâya kuhlala eJiputa; kamva ke bangena phantsi kwedyokhwe yama-Asiriya.