Isaiah 53:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa uyehova ebetanda ukusityumza; wasivisa ubuhlungu. Nxa siya kuzenza idini letyala, siya kubona inzalo, siya kwolula imihla, nentando kayehova iya kulungiseka esandleni saso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo. Xa uthe umphefumlo wakhe wawenza idini letyala, woyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uYehova wafuna ukumtyumza; waba buhlungu; ukuba uthe wenza idini lesono ngenxa yomphefumlo wakhe, wobabona abantwana bakhe, ayolule imihla yakhe, ibe nempumelelo inkoliseko kaYehova esandleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti yintando kaNdikhoyo ukuba abandezeleke abulawe, khon' ukuze ukufa kwakhe kube lidini lokungxengxezela izono. Ngoko ke wobona nezizukulwana; uya kukhula ade akhokhobe; ngaye intando kaNdikhoyo yofezekiswa.