Isaiah 53:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emva kwosizi lwompefumlo waso, so yi bona, sokoliswa: ngokwaziwa kwaso, isicaka sam esilungileyo sogwebela abaninzi; ngokuba izikohlakalo zabo siya kuzitwala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe; ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa uya kugwebela abaninzi, athwale yena izenzo zabo ezigwenxa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wokubona ukusebenza nzima komphefumlo wakhe, aneliswe; Ngokwazi kwakhe uya kumenza ilungisa kakhulu umkhonzi wam olilungisa; Uya kubuthwala ubugwenxa babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yembandezelo yakhe wobuya axhamle ulonwabo. Uthi uNdikhoyo: “Ngokwazana nesi sicaka sam sindikholisayo abaninzi bofumana ubulungisa. Kaloku sona sibuthwele ubugwenxa babo.