Isaiah 53:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngoko, ndiya kusahlulela isahlulo pakati kwabakulu; sasiya kwahlulelana nabanamandla amaxoba; ngenxa yokuba satululela ekufeni umpefumlo waso, sabalwa nabagqiti, nesono sabaninzi sasitwala, nabagqiti sabatandazela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu, alabe nabanegunya ixhoba, ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe, wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubon ukuba usithabathile phezu kwakhe isono sabaninzi, ebathandazele abakreqi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke ndiya kumabela isahlulo kunye namadoda amakhulu, alabe amaxhoba namagorha; ngokuba wawuthulula umoya wakhe ekufeni, wabalelwa kwabangendawo; wathwala izono zabaninzi, wabathandazela abakreqi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena ndomabela isahlulo phakathi kweendwalutho, abe nenxaxheba kumaxhoba ndawonye namagorha. Kaloku waziqongqothela ekufeni, wada wabalwa nabakreqi. Kaloku usithwele isono sabaninzi, wenza isingxengxezo ngenxa yabakreqileyo.”