Isaiah 53:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba sibe sikula ebusweni babo njengesihlumelo, nanjengengcambo ipuma emhlabeni owomileyo: sasingenasimilo nasoya, ukuba sisigqale; kwa nokubonakala, ukuba sisinqwenele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uya kuntshula phambi kobuso bakhe njengegatya, nanjengengcambu emhlabeni owomileyo; kwaye xa siza kumbona, asinakunqwenela nto ilunge ngakumbi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku isicaka sikhule njengesithole kwelibharhileyo, suke asabi namfaneleko nabunganga, saba ngasijonga asabi namtsalane.