Isaiah 53:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sibe sidelwa salahlwa ngabantu, indoda yentsizi, nowazana nobuhlungu, kwada kwafihlwa ubuso kuso; sibe sidelwa, sati tina asasibuka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke asambeka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; umntu olusizi kunye nomntu oqhele ukuba lusizi; sabusithelisa ubuso bethu kuye, ngokungathi kunjalo; udeliwe, asimthabatha;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu basidelile basibukula, saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu. Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so; saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela.