Isaiah 53:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saxinwa, sabandezelwa, koko singavulanga umlomo waso; sar̔olwa njengemvana isiya ekuxe̔lweni, nanjengokuba igusha ebusweni babaguguli bayo isidenge, kwa njalo asivulanga umlomo waso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakhandaniswa, wazithoba, engawuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, akawuvula umlomo wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wacudiswa, waba buhlungu, engawuvuli umlomo wakhe; Njengemvana usiwa ekuxhelweni, nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, wenjenjalo ukungawuvuli umlomo wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ewe, yena waphathwa gadalala, kodwa wathi cwaka, akakhalaza tu. Waba njengexhwane eliya kuxhelwa, wathi cwaka njengegusha ichetywa; ewe, akawuvulanga umlomo wakhe.