Isaiah 53:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa sentolongweni nasekugwebeni sasisuswa; nesizukulwana saso ngubanina oya kusixela? ngokuba sibe sinqunyulwa emhlabeni wabahleliyo; ngenxa yokugqita kwabantu bam sasibetwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthatyathwe ekuxinweni nasematyaleni; esizukulwaneni sakhe ngubani na owathelekelela ukuthi, unqanyulwe ezweni labaphilileyo, ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakhululwa entolongweni nasekugwetyweni; Ngubani na oya kuyixela isini sakhe? ngokuba wanqanyulwa, waba sehlabathini labaphilileyo; ubethweswa ubugwenxa besizwe sakowethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wanqanyulwa ngengcinezelo nesigwebo. Kwisizukulwana sakhe ngubani oyiqondileyo le nto? Inene, wanqanyulwa kwelabaphilayo; wabethwa ngenxa yezikreqo zamawethu.