Isaiah 54:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko nanye impahla edaliwe ngakuwe eya kutamsanqeleka; nazo zonke ilwimi ezivuka ngakuwe ekugwebeni uya kuzigweba. Oku kulilifa lezicaka zikayehova; nobulungisa bazo buvela kum, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni uya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akukho nto iya kwenziwa kuwe ayiyi kuphumelela; kwaye zonke iilwimi ziya kusukuma phezu kwakho kwaye zibagwebe. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo buphuma kum, utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nezo zixhobo zixonxwe ngenxa yakho soze zikutshabalalise, uya kumphendula nabani na okumangalelayo. Lilo ke elo ilifa lezicaka zikaNdikhoyo; ewe, mna ndozithi jize ngoloyiso.” Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo!