Isaiah 54:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ungoyiki, ngokuba ungayi kudaniswa! ungamatiswa kanjako, ngokuba ungayi kuviswa ihlazo: ngokuba udano lwobutsha bako uya kululibala, nehlazo lobuhlolokazi bako akusayi kuba salikumbula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musa ukoyika, ngokuba akuyi kudana; musa ukudideka lihlazo, ngokuba akuyi kuba nazintloni. Ngokuba ukudana kobuntombi bakho uya kukulibala, ungcikivo lobuhlolokazi bakho ungabi salukhumbula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukoyika; ngokuba aniyi kudana, aniyi kuma; kuba uya kulilibala ihlazo lobutsha bakho yaye akuyi kuba salikhumbula ihlazo lobuhlolokazi bakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Musa ukuxhala, awuyi kungena hlazweni; ungaphithizeli, awusayi kuthotywa. Ihlazo lobutsha bakho lona lolibaleka, ungabi sasikhumbula nesingcikivo sobuhlolokazi.