Isaiah 54:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba umenzi wako eyindoda yako; nguyehova wemikosi igama lake: nomkululi wako ungoyingcwele ka‐Sirayeli; uya kubizwa ngokuti ngutixo wawo wonke umhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho, ogama lakhe linguYehova wemikhosi; nguMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli, ekuthiwa nguThixo wehlabathi lonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho; NguYehova wemikhosi igama lakhe; noMkhululi wakho, oyiNgcwele kaSirayeli; Uya kubizwa ngokuba nguThixo wehlabathi lonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku nguMenzi wakho indoda yakho; igama lakhe ke nguNdikhoyo uSomandla. NguYedwa kaSirayeli uMkhululi wakho; kuthiwa nguThixo wehlabathi jikelele.