Isaiah 54:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba oku ku njeng amanzi ka‐Nowa kum: nje ngokuba bendifunga ukuba amanzi ka‐Nowa akayi kubuya agqitele pezu kwomhlaba, kwa njalo ndifungile ukuba andiyi kuba namsindo ngakuwe, nokuba andiyi kukutetisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba injengonogumbe kaNowa le nto kum; oko ndafungayo ukuba amanzi kaNowa akasayi kuba sahamba phezu kwehlabathi, ngokunjalo ndifungile ukuba andiyi kuba naburhalarhume kuwe, ndingakukhalimeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kum kunjengamanzi kaNowa, kuba njengoko ndafungayo ukuba amanzi kaNowa akasayi kuphinda adlule phezu komhlaba; ngoko ndafunga ukuba andiyi kunicaphukela, ndinikhalimele kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngexesha likaNowa ndenza isifungo sokungaphindi ndilintywilisele ihlabathi. Nangoku ke ndithi soze ndiphinde ndicaphuke; andiphindi ndikukhalimele ngoburhalarhume.