Isaiah 55:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, njengokuba isihla imvula nengqweqwe ezulwini, ize ingabuyeli kona, koko iwunyela umhlaba, iwenze ukuba uvelise nokuba uhlumise, ukuze unike imbewu kuye ohlwayelayo, nesonka kuye odlayo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba, njengokuba kusihla imvula nekhephu ezulwini, ingabuyeli kulo ingathanga iwunyakamise umhlaba uvunde, iwuhlumise, iwenze untshule, imnike imbewu umhlwayeli, imnike isonka odlayo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba njengoko kusihla imvula nekhephu ezulwini, ingabuyeli khona, kodwa iwunyakamise umhlaba, iwukhulise, iwukhulise, ukuze inike imbewu umhlwayeli, imnike isonka odlayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilizwi lam nqwa nekhephu nemvula: ziphuma esibhakabhakeni, kanti ke azigoduki ngaphandle kokumanzisa umhlaba, zikhulise izityalo, umlimi zimnike imbewu, olambileyo zimnike ukutya.