Isaiah 55:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
loba njalo ilizwi lam, elipumayo emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lingenanto; kodwa liya kufeza oko endikutandayo, laliya kutamsanqeleka koko endituma ngako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuba njalo ngelizwi lam eliphuma emlonyeni wam: aliyi kubuyela kum ndedwa, kodwa liya kukwenza ukuthanda kwam, likuphumelelise konke endikuthume lona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo: alibuyi lilambatha, koko liyawufezekisa umnqweno wam, liliqaqambise icebo lam.