Isaiah 55:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, isizwe ubungasazi uya kusibiza, nesizwe esibe singazi wena sobalekela kuwe, ngenxa yake uyehova, utixo wako, nangenxa yake oyingcwele ka‐Sirayeli, okuhombileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, uya kubiza uhlanga ongalwaziyo, uhlanga olungakwaziyo wena lugidimele kuwe, ngenxa kaYehova uThixo wakho, ngenxa yoyiNgcwele kaSirayeli, kuba ekuhombisile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, uya kubiza uhlanga ongalwaziyo, neentlanga ebezingakwazi ziya kubalekela kuwe ngenxa kaYehova uThixo wakho nangenxa yaLowo Ungcwele kaSirayeli; ngokuba enizukisile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku niya kumema iintlanga eningazaziyo; izizwe ezinganaziyo ziya kunilangazelela ngenxa kaNdikhoyo uThixo wenu. Lowo ke nguYedwa kaSirayeli. Kaloku yena unithe jize ngesihomo.”