Isaiah 55:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
okohlakeleyo makashiye indlela yake, nongalungileyo inkumbulo zake; makabuyele kuyehova, woba nezibele kuye; na kutixo wetu, ngokuba eya kuxolela kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ongendawo makajike endleleni yakhe, ongendawo abuye ezicamangweni zakhe; makaguqukele kuYehova, woba nemfesane kuye; ibuyele kuThixo wethu, ngokuba woxolela futhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi, netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo. Maliguquke, lize kuNdikhoyo; yena wosuka abe novelwano lilo. Malize kuThixo wethu, kuba yena uxolela kangangoko.