Isaiah 56:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, bazizinja ezibawayo, ezingakwazi ukuhlutiswa; nabo abangabalusi abakwazi ukuqonda: bonke bayajikela kweyabo indlela, abanye ngabanye ngenxa yokuzuza kwabo esipelweni sabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ewe, bazizinja ezithanda ukudla, ezingahluthiyo nokuhlutha; banjalo ke abalusi, abakwazi ukuqonda; bonke bephela babheke kwezabo iindlela, elowo kweyakhe inzuzo, kowakhe ummandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ewe, bona banjengeebhokhwe ezilambileyo, ezingahluthiyo, babe ngabalusi abangaqondiyo; bonke bephela bakhangela kwezabo iindlela, elowo ekhangela kweyakhe inzuzo, kowayo ummelwane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zifana nqwa nezinja ngokunyoluka; zizingxala ngokutya, kodwa azihluthi. Zinjalo nezi nkokheli, zivaleke mba; zonke zenza ngokuzithandela; ngulowo nalowo usemva kwenzuzo.