Isaiah 56:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Unetamsanqa umntu owenza oku, nonyana womntu obambelela kuko; ogcina isabata, ukuba angayinco̔lisi; ogcina isandla sake, ukuba angayenzi nanye into ekohlakeleyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko oku; ogcina isabatha ukuba angayihlambeli; ogcina isandla sakhe ukuba singenzi nanye into embi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu oyibambileyo; ogcina isabatha, ukuba angayihlambeli; osibambayo isandla sakhe singenzi nanye into embi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Unoyolo ke umntu owenjenjalo, nditsho umntu oyibambisisayo, lowo uwuhlonelayo *uMhla wokuPhumla, umntu ongawudeliyo awuxabhele, nditsho ozigcinayo angenzi bubi konke.”