Isaiah 56:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho uyehova kubatenwa abagcinayo isabata zam, abanyulayo oko ndikoliswa kuko, bebambelela kulo ucebano lwam, ukuti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho uYehova kumathenwa ukuthi, Abazigcinayo iisabatha zam, banyule endikuthandayo, babambelele emnqophisweni wam,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba utsho uYehova kumathenwa agcina iisabatha zam nabanyula into endiyithandayo nababambelele ngokuqinileyo emnqophisweni wam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kumathenwa uNdikhoyo uthi: “Ukuba niyawuhlonela *uMhla wokuPhumla, ukuba nizimisele ukwenza izinto ezindikholisayo, niwugcine ngokupheleleyo umnqophiso wam,