Isaiah 56:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nabasemzini, abazibandakanyela kuyehova, ukuba bamkonze, nokuba batande igama likayehova, babe zizicaka zake, bonke abayigcinayo isabata, bengayinco̔lisi, ababambelela kulo ucebano lwam;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye oonyana bolunye uhlanga abanamathela kuYehova ukuze bakhonze yena nokuthanda igama likaYehova ukuze babe ngabakhonzi bakhe, wonk’ ubani ogcina isabatha ukuze ayihlambele nobambelela emnqophisweni wam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo, ezizinikeleyo kuye zimsebenzela, ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe, lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla, umntu ongawudeliyo awuxabhele, owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam –