Isaiah 56:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
sendiya kubazisa entabeni yam eyingcwele, ndibavuyise endlwini yam yokutandaza; amadini okutshiswa abo nemibingo yabo yoba ikolekile pezu kwesibingelo sam; ngokuba indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza kubo bonke abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ndobazisa entabeni yam engcwele, bavuye endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo neminikelo yabo yokholeka esibingelelweni sam; ngokuba indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza yabantu bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa, bonwabe endlwini yam yokuthandaza. Amadini abo atshiswayo kunye neminikelo aya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini. Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke.”