Isaiah 57:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Olungileyo uyabuba, kanti akuko mntu okubekelayo intliziyo; abantu abanobubele bayasuswa nabo, kungeko oqondayo ukuba olungileyo uyasuswa elishweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilungisa liyatshabalala; akukho mntu ke ukunyamekelayo oko ngentliziyo; amadoda anobubele ayemka, akukho mntu ke uqondayo ukuba ilungisa limka phambi kokuba kubekho ububi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilungisa liyatshabalala; akukho mntu ke ukunyamekelayo oko ngentliziyo; kwaye abantu abanenceba bayasuswa, ngaphandle nje kokuba amalungisa asusiwe ebubini obuzayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amalungisa ayafa, kungabikho mntu ukhathalayo; abantu benene bayahamba, kungabikho bani uqondayo – bona bayafa ngenxa yobubi.