Isaiah 57:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubudiniwe ngokuba kude kwendlela yako; noko, akutshongo ukuti: Akuko itemba; ubomi besandla sako ubufumene; ngako oko akuncamanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wadinwa ngokuba nde kwendlela yakho; akwathi, Ndincamile;wawafumana ebuya ephila amandla akho ngenxa yoko akuthanga fehlefehle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Udiniwe bubuninzi bendlela yakho; kodwa akutshongo ukuthi, Akukho themba; ufumene ubomi esandleni sakho; ke ngoko, anibanga lusizi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nibhadula nide nidinwe, nifuna izithixo, kodwa anivumi ukuba yinkcitha-xesha. Anizilibali nisomelezwa zizithixo; yiyo le nto ngathi anidinwa.”