Isaiah 57:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina umxa̔leleyo wamoyika, ukuba uxokisile, ungakumbulanga mna, unga ndi bekelanga nentliziyo yako? bendingati cwaka kwa kade na, ungandoyikanga noko?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubunesithukuthezi ngabani na, ubusoyika bani na, ukuba uthethe amanga, ungandikhumbuli, ungakunyamekeli oko ngentliziyo? Andithe quthu na kususela kwaphakade, ungandoyiki nje?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubusoyika bani okanye ubusoyika bani na, ukuba uxoke ungandicingeli yaye ungakubeki oko entliziyweni yakho? Andithi cwaka na kwakudala, ungandoyiki?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uyabuza, uthi: “Ngoobani ezi zithixo nizoyika kangaka? Ngenxa yazo nide anathembeka, mna anabi sandikhumbula mpela. Ngaba ndithule ndada ndagqithisa le nto ningasandazele nto ngoku?