Isaiah 57:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni ukalayo, mazikukulule imbuto zako! kodwa zona zonke umoya wozimkisa; impepeto iya kuzisusa. Kodwa lowo utembela kum wolifuya ilizwe, adle ilifa lentaba yam eyingcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekukhaleni kwakho mazikuhlangule iimfumba zezithixo zakho;zonke ziphela zimka nomoya, zithatyathwa ngumphunga. Ke yena okholosa ngam uya kulidla ilifa ilizwe, ayime intaba yam engcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekubizeni kwakho, mazikusindise izihlwele zakho; kodwa umoya uya kubathabatha bonke; kodwa okholosa ngam uya kulidla ilifa ilizwe, ayidle ilifa intaba yam engcwele;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa nibhomboloza nizibika, azinincedi ngani izithixo zenu; kambe ke zona ziphetshethwa nangumoya lo, nditsho nomphunga lo. Ke bona abo bakholosa ngam baya kuma bazinze kulo mhlaba; ewe, intaba yam eyodwa ibe lilifa labo.”