Isaiah 57:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho yena opezulu opakamileyo, ohleli kunapakade, ogama liyingcwele, ukuti: Ndihleli kwepezulu neyingcwele indawo, kwa nalowo omoya ugqobokileyo notobekileyo; ukuba kupiliswe umoya wabatobekileyo, nokuba kupiliswe intliziyo yabagqobokileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba kuthiwa, Osenyangweni uhleli ngonaphakade, ogama lingcwele; Ndihleli endaweni ephakamileyo engcweleni, nomoya othobekileyo, ukuze ndihlaziye umoya wabathobekileyo, ndihlaziye iintliziyo zabantliziyo zaphukileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uThixo ophakamileyo, uThixo oyedwa ophila ngonaphakade: “Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo, kanti ndiyahlala nasebantwini – kwabo bazinikelayo bathobekileyo – ukuze ndibahlaziye abathobekileyo, ndibakhuthaze abo bazinikelayo.