Isaiah 57:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndingayi kuba ngunapakade ndipika; kanjalo andiyi kuba ngamaxesha onke ndiqumbile: ngokuba umoya ubuya kucubuka pambi kwam, nemipefumlo endiyenzileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba andiyi kubambana naye ngonaphakade, andiyi kuhlala ndinoburhalarhume; kuba umoya ubungatyhafayo phambi kwam, nemiphefumlo endiyenzileyo mna.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba andiyi kuhlala ndiphikisana, kwaye andiyi kuhlala ndinomsindo, kuba umoya uya kuphelelwa ngamandla phambi kwam kunye nemimoya endiyenzileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Andiyi kusoloko ndibamangalela abantu, ndingayi kusoloko ndisilwa nabo, hleze umntu atyhafe, adane lowo ndimenzileyo.