Isaiah 57:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pakati kwawo amatye agudileyo asentilini kuko isahlulelwa sako; ngawo wona aliqashiswa lako; uwutululele kwa kuwo umnikelo wokusela, wawenza umnikelo wokudla. Sendiya kututuzeleka pezu kwezizinto na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isahlulo sakho saba sematyeni agudileyo esihlambo; wona aba ngamaqashiso akho; kananjalo wawathululela amadini athululwayo, wenyusa iminikelo yokudla kuwo. Mandizithuthuzele na ngezo zinto?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Isahlulo sakho siphantsi kwamatye agudileyo omlambo; yabona, kukuphela kwakho; Wabagalela nento eselwayo, bazisa nomnikelo oshiswa emlilweni. Ngaba kufuneka ndithuthuzeleke ngale nto?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilifa lenu ngamatye agudileyo ezingxingweni; isabelo senu zezo *zithixo. Zona nide nizithululele utywala, niziphe nomnikelo weenkozo. Nithi mandivelane nani kule mikhuba?