Isaiah 57:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ngasemva kwalo ucango, nomgubasi, uyibekile inkumbuzo yako; ngokuba uzityilele ongendim; unyukile; uwenze banzi umandlalo wako; uzenzele ucebano nabo; utandile umandlalo wabo; wafuna indawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi; ngokuba wathi ungekum wazityhila, wenyuka, wasenza sabanzi isilili sakho, wanqophisana nabo, wathanda kulala nabo, wandlala ukhuko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasibeka isikhumbuzo sakho nasemva kweengcango nemigubasi, ngenxa yokuba wazibonakalisa komnye uthile ungenguye mna waza wenyuka; watwabulula iimandlalo zakho, wanqophisana nabo; wawuthanda iibhedi zabo apho wawubabone khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emigubasini nasemva kocango kulapho nizizoba khona izithixo. Ngokundibaleka niwuhlubile umandlalo wenu, suka nawuvula nangena nezithandwa zenu, ezo nilala nazo ngokuzihlawula, khon' ukuze nizanelise ngazo.