Isaiah 58:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba uyanqanda unyawo lwako kuyo isabata, ungenzi eyako intando ngawo umhla wam oyingcwele; ukuba uyabiza isabata ngokuti sisiyolo, umhla oyingcwele kayehova ngokuti ubekekile: uze uwubeke, ungenzi ezako indlela, ungafuni eyako intando, ungateti awako amazwi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko, wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingeni:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba uwubone umhla wam ongcwele; uthi ukuyibiza isabatha luvuyo, ingcwele kaYehova; kwaye umhlonele ngokungazenzi iindlela zakho kwaye ungafuni ukuthanda kwakho kwaye ungathethi amazwi akho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo ke uthi: “Ukuba nithe ke nawuhlonela *uMhla wokuPhumla, nayeka ukuzikholisa ngalo mhla wam uwodwa, xa nithe nawulangazelela lo mhla, ukuba niyawuxabisa umhla kaNdikhoyo, ngawo ningenzi misebenzi iyeyenu, niyeke ukuzonwabisa ngawo nokuthetha ngokungakhathali,