Isaiah 58:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uya kwandula ukuziyolisa kuyehova; ndandiya kukukwelisa pezu kwendawo ezipakamileyo zomhlaba, ndikudlise ilifa lika‐Yakobi uyihlo wako: ngokuba umlomo kayehova utshilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uya kwandula ukuziyolisa ngoYehova, ndikukhwelise emimangweni yomhlaba, ndikudlise ilifa likaYakobi uyihlo; kuba umlomo kaYehova uthethile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Apho uya kugcoba ngoYehova; yaye ndiya kukuzisa kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba ndikubophelele elifeni likaYakobi uyihlo, ngenxa yokuba umlomo kaYehova uthethile kuwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uNdikhoyo ke uya kunonwabisa, animise nasezintabeni, nixhamle ilifa lokhokho wenu uYakobi.” Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.