Isaiah 58:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati: Kunganina ukuba sizilile, kanti akuboni; nokuba sibandezele umpefumlo wetu, kanti akwazi? Bona ke, ngemini yokuzila kwenu niyafuna imihlali, nayo yonke imisebenzi yenu niyayibanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi, Yini na ukuba sizile ukudla, ungaboni? siwuthobe umphefumlo wethu, ungazi? Yabonani, ngomhla wokuzila kwenu nifumana enikunanzileyo, nibakhandanise abasebenzi benu bonke ababulalekayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi sizile ukudla, ungaboni na wena? Yini na ukuba siyicinezele imiphefumlo yethu, nibe ningazi? Yabona, ngomhla wokuzila kwakho, ukholekile kuwe, unqwenele yonke imigudu yakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ungabeva bekhalaza besithi: “Siba ngazila awusikhathaleli! Kudala sizibhuqa-bhuqa ngentobeko, kodwa wena ngathi awusiboni.” Kanti ke yena uNdikhoyo uthi: “Ewe, ngenene ninayo imihla yokuzila, kodwa ikwayimihla yokuzenzela unothanda – ngayo nisuka nixhaphaze abasebenzi.