Isaiah 58:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yinzilo enje na endiyinyulileyo? umhla wokuba umntu abandezele umpefumlo wake na? ukuba atokombise intloko yake njengomkanzi na, azandlalele intlakantlaka notutu na? Le woyibiza na ngokuti yinzilo, nemini ekolekileyo kuyehova?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Into enjalo ingaba kukuzila endikunyulileyo na? Ingaba ngumhla wokuba umntu awuthobe umphefumlo wakhe na?Ukuthokombisa intloko yakhe njengomzi andlale ezirhwexayo nothuthu, oko ukubiza ngokuthi kukuzila na? Ngumhla okholekileyo na kuYehova?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaba kukuzila endikunyulileyo na? Ngaba ngumhla wokuba umntu awucinezele umphefumlo wakhe? Ukuthokombisa intloko njengexhalanga na, waza wandlala ezirhwexayo nothuthu phantsi kwendlu yakho? Ngaba uyathanda ukuyibiza ngokuba yimini yokuzila ukutya ekholisa uYehova?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kakade, nithi olu lolu zilo lufunwa ndim, usuku nje lokuba umntu aziqobe, ufike nithe tyek' iintloko ngathi yingcongolo, nide nilal' eluthuthwini ngamasaka? Ningathi kukuzila ke eso simanga? Ingandikholisa njani ke into enjalo?